Deuteronomy 10:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyehova wanamatela koyihlo bako ukuba abatande, wayeqasha nenzalo yabo emva kwabo, kwa nina, ngapezu kwabo bonke abantu, njengokuba kunjalo namhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande;wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NguYehova kuphela owakholiswayo ngookhokho benu ukuba abathande, waza wanyula inzala yabo emva kwabo, nina phakathi kweentlanga zonke, njengoko kunjalo namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uNdikhoyo ooyihlo wabathanda, wathi nca kubo, wanyula nina sizukulwana sabo kuzo zonke iintlanga, njengoko kusenjalo unanamhla.