Deuteronomy 10:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako niya kumtanda owasemzini; ngokuba nibe ningabasemzini elizweni le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mthandeni owasemzini; kuba nibe ningabasemzini ezweni laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke bathandeni umphambukeli, ekubeni naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke nani bathandeni abangeneleli, kuba nani nanikhe nangabasemzini kwelaseJiputa.