Deuteronomy 10:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
(Kekaloku usapo luka‐Sirayeli lwanduluka e‐Berote‐bene‐yahakane, lwaya e‐Mosera: apo wabuba u‐Arone, wancw̔atyelwa apo kanjalo; waza u‐Elezari unyana wake wakonza ngobuperisite esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayishiya oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera; Wafela khona uAron, wangcwatyelwa khona; unyana wakhe uEleyazare waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“AmaSirayeli ke anduluka apho kuloo maqula amaYakana, ajonga eMosera. UAron wafela apho ke, waza wangcwatywa, yona indawo yakhe yobubingeleli yathathwa ngunyana wakhe uElazare.