Deuteronomy 11:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ilizwe, apo uya kona ukuba ulifuye, lingenjengelizwe le‐Jipete lona, apo navela kona, apo wahlwayelayo imbewu yako, wayinyela ngonyawo lwako, njengesitiya semifuno:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ilizwe elo uya kulo, usiya kulihlutha, alinjengelizwe laseYiputa, elo naphuma kulo, apho wayihlwayelayo imbewu yakho, waza wayinkcenkcesha ngonyawo lwakho, njengomyezo wemifuno.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ilizwe oya kulidla ilifa alinjengelizwe laseYiputa owaphuma kulo, apho wayihlwayelayo imbewu yakho, wayinkcenkceshela ngonyawo lwakho, njengomyezo wemifuno.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku eli lizwe niza kuma kulo alifani nelaseJiputa apho nivela khona. Kaloku apho nanihlwayela imbewu, nisebenza nzima ninkcenkceshela oku komntu onesitiya;