Deuteronomy 11:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako lamazwi am uya kuwabeka entliziyweni yenu, nasempefumlweni wenu; nowabopa abe ngumqondiso pezu kwesandla senu, aeya kuba njengembasa pakati kwamehlo enu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
La mazwi am nize niwabekele intliziyo yenu nomphefumlo wenu niwabophe esandleni senu, abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo enu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, la mazwi am wabekeni ezintliziyweni zenu nasemoyeni wenu, niwabophe njengomqondiso ezandleni zenu, ukuze abe njengeqhina phakathi kwamehlo enu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke la mazwi ndininike wona ze niwalondoloze abe sezingqondweni zenu nasemoyeni wenu. Ze niwaqhinele ezandleni abe ngumqondiso, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ahlale esisikhumbuzo.