Deuteronomy 11:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yazini ke namhla, ukuba andi teti nabantwana benu, abangazanga nabangabonanga isohlwayo sikayehova, utixo wenu; ubukulu bake, isandla sake esomeleleyo, nengalo yake eyolulweyo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yazini ke namhla; ngokuba andithethi noonyana benu abangakwazanga, abangakubonanga ukuqeqesha kukaYehova uThixo wenu, ubukhulu bakhe, nesandla sakhe esithe nkqi, nengalo yakhe eyolukileyo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yazini ngokwenu namhla, ngokuba andithethi kuni, nyana bangabonanga, bangabonanga, ubugwenxa bukaYehova uThixo wenu, nobukhulu bakhe, nesandla sakhe esithe nkqi, nengalo yakhe eyolukileyo,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khumbula kaloku ukuba yayingengabo abantwana benu abângcamla amava engqeqesho kaNdikhoyo uThixo wenu, nditsho ubukhulu bakhe, namandla akhe, nobungangamsha bakhe,