Deuteronomy 11:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko mntu oya kuba nokuma pambi kwenu: ukunkwantywa kwenu nokwoyikwa kwenu wokubeka uyehova, utixo wenu, pezu kwawo wonke umhlaba eniya kunyatela kuwo, njengokuba etshilo kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukho mntu uya kuma phambi kwenu; ukunkwantya nini, nokoyika nina, wokubeka uYehova uThixo wenu ezweni lonke enilinyatheleyo, njengoko wathethayo kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho bani uya kuma phambi kwenu, kuba uYehova uThixo wenu uya kubeka ukunkwantya kwenu nokoyikeka kwenu kulo lonke ilizwe eniya kulinyathela ngokwalo njengoko nithethileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukho bani uya kuba nako ukumelana nani. Naphi na apho nihamba khona kwelo lizwe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kubarhwaqelisa banoyike abantu bakhona ngokwesithembiso sakhe.