Deuteronomy 11:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
noko abekwenza ku‐Datane naku‐Abirame, onyana baka‐Eliyabe, unyana ka‐Rubene, okokuba umhlaba wakamisa umlomo wawo, wabaginya, kwa nabendlu zabo, nentente zabo, nako konke okuhleliyo okube kulunge kubo, pakati kwo‐Sirayeli bonke:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
noko wakwenzayo kooDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi unyana kaRubhen; ukuba umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, neentente zabo, nento yonke ephilileyo eyabalandelayo, ababakho phakathi kwamaSirayeli onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
noko wakwenzayo kuDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi, unyana kaRubhen, wathi umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya, nemizalwane yabo, neentente zabo, nengqwebo yabo yonke ekubadleni ilifa phakathi kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nisazikhumbula izigigaba azenzileyo kuDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi wendlu kaRubhen. Kaloku umhlaba wakhamisa wabaginya behleli, ndawonye neentsapho zabo, iintente zabo, nemfuyo yabo; yonke ke loo nto isenzeka amaSirayeli onke ekhangele.