Deuteronomy 11:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yigcineni ngoko yonke imiyalelo endiniyalelayo namhla; ukuze nibe nomelele, niye nilifuye ilizwe, eniwelela kona ukuba nilifuye;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize niwugcine wonke umthetho endiniwiselayo namhla, ukuze nomelele, ningene nilime ilizwe elo niwelela kulo, ukuba nilihluthe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ize niyigcine ke yonke imithetho endiniwiselayo namhla, ukuze nomelele, nileyise ilizwe elo ningena kulo ukuba nilihluthe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ze niyithobele yonke imiyalelo endininike yona namhlanje. Xa niyenzile loo nto noba nawo amandla, niwele iJordan, ningene nilithathe elo lizwe niya kulo, libe lelenu.