Deuteronomy 12:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa niya kuwela i‐Yoredane, nihlale kwelozwe uyehova, utixo wenu, aya kunamkelisa ilifa lalo; waeya kunipumza kuzo zonke intshaba zenu ezingqongayo, nide nihlale ngokunqaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke noyiwela iYordan, nihlale ezweni elo, uYehova uThixo wenu aya kunidlisa ilifa kulo, aniphumze ezintshabeni zenu zonke ngeenxa zonke, nihlale nikholosile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa nithe nayiwela iYordan, nahlala ezweni elo, aninikayo uYehova uThixo wenu, ukuba libe lilifa lenu, waniphumza ezintshabeni zenu zonke ezingeenxa zonke kuni, nahlala ninoxolo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nakuthi nakuyiwela iJordan, uNdikhoyo anivumele ningene kwelo lizwe, nime kulo. Uya kunigcina nikhuselekile ezintshabeni, nihlale ngenzolo.