Deuteronomy 12:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko kuya kubako indawo, aya kuyinyula uyehova, utixo wenu, ukuba alimise kona igama lake; kwa lapo niya kuzisa konke endiniyalela ngako: amadini okutshiswa enu, nemibingo yenu, izishumi zenu, nomnikelo wokufunqufunqulwa wesandla senu, nazo zonke izibambiso zenu ezidluliseleyo enibambisa ngazo kuyehova:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ke kubekho indawo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu, alihlalise khona igama lakhe, nizizise khona izinto zonke endiniwisela umthetho ngazo; amadini enu anyukayo, nemibingelelo yenu, nezishumi zenu, nomrhumo wesandla senu, nezibhambathiso zenu zonke ezinyuliweyo, enibhambathisa ngazo kuYehova;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kothi ke kubekho indawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, alibeke kuyo igama lakhe; uya kuzisa khona zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo; amadini enu anyukayo, nemibingelelo yenu, nezishumi zenu, nomrhumo wezandla zenu, nezibhambathiso zenu ezikhethekileyo, enibhambathise ngazo kuYehova;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uThixo wenu uya kunyula indawo ibe nye apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona. Zonke ke izinto endiniyalele ngazo nozisa khona: amadini atshiswayo namanye angawambi, izishumi neminikelo yemveliso yenu, ngokunjalo nezipho ezizodwa enibhambathisa ngazo kuNdikhoyo.