Deuteronomy 12:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ungabinga utye inyama ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako, njengetamsanqa likayehova, utixo wako, ulipiweyo nguye, pakati kwawo onke amasango ako: onco̔lileyo nococekileyo bangayidla, njengebadi nanjengexama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Noko ke, ngokunqwena konke komphefumlo wakho, ungaxhela uyidle inyama, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo, emasangweni akho onke; oyinqambi nohlambulukileyo bangayidla into enjengebhadi nenjengexhama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa inyama ungayixhela emasangweni akho onke uze udle ukutya okunqwenelwa ngumphefumlo wakho ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo; intliziyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke nikhululekile ukuba nixhele kwimfuyo yenu, niyixhelele naphi na apho nihlala khona. Ningatya kangangoko nithamsanqeliswa nguNdikhoyo. Xa ninonke abahlambulukileyo nabangahlambulukanga bangayitya inyama leyo kwanjengokuba nisenza kweyebhadi okanye inxala.