Deuteronomy 12:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akungetye pakati kwamasango ako isishumi senqolowa yako, neseveyine yako, neseoli yako, nawo amazibulo enkomo zako nawegusha zako, nazo zonke izibambiso zako obambisileyo ngazo, neminikelo yesisa yako, nomnikelo wokufunqufunqulwa wesandla sako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akunakusidlela emasangweni akho isishumi sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho nawempahla yakho emfutshane, nezibhambathiso zakho zonke obhambathisa ngazo, nemibingelelo yakho yokuqhutywa yintliziyo, nomrhumo wesandla sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze ungasidli isishumi sakho sengqolowa, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, nesamazibulo eenkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, nesibhambathiso sakho osifungeleyo, nombingelelo wakho wokuqhutywa yintliziyo, nowokuqhutywa yintliziyo iminikelo hayi umnikelo wesandla sakho:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Into eniyinikela kuNdikhoyo mayingatyelwa apho nihlala khona; ngokunjalo nezishumi zengqolowa, iwayini entsha, namafutha omnquma, noba ngamazibulo eenkomo okanye aweegusha, nezipho enibhambathise ngazo kuNdikhoyo, okanye ezokuqhutywa yintliziyo, kanti ke nawuphi na umnikelo.