Deuteronomy 12:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko kupambi kwoyehova, utixo wako, uya kuzidla, endaweni aya kunyula yona uyehova, utixo wako, wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nom‐Levi opakati kwamasango ako: wauya kuvuya pambi kwoyehova, utixo wako, kuko konke usolulela kona isandla sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zona uze uzidlele phambi koYehova uThixo wakho, endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, wena ke, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi osemasangweni akho; uvuye phambi koYehova uThixo wakho ezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze uzidlele phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, wena nonyana wakho nentombi yakho nekhoboka lakho nesicakakazi sakho nomLevi emasangweni akho; nibe nemihlali phambi koYehova uThixo wenu ngenxa yayo yonke into eniya kuyibeka izandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le minikelo kufuneka niyityele phambi koNdikhoyo uThixo wenu, kuloo ndawo ayinyulele ukuzinziswa kwegama lakhe. Yona ke mayityiwe nini nabantwana, izicaka ngokunjalo nabaLevi enihlala nabo, nikuxhamle ngokonwaba ukubulaleka kwenu.