Deuteronomy 12:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni uyehova, utixo wako, aya kuwenza banzi umda wako, njengokuba etshilo kuwe, ude uti: Ndoyidla inyama; ngokuba umpefumlo wako ukanuka ukudla inyama; ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako ungayidla inyama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe uYehova uThixo wakho wawenza banzi umda wakho, njengoko abethethe ngako kuwe, uthi, Ndiya kudla inyama, ngokuba umphefumlo wakho unqwenela ukuyidla inyama: ungayidla inyama ngokungqwena konke komphefumlo wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe uYehova uThixo wakho wawenza banzi umda wakho, njengoko abethethe ngako kuwe, uthi, Ndiya kudla inyama, ngokuba umphefumlo wakho unqwenela ukuyidla inyama; ungadla inyama, ngokunqwena konke komphefumlo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Uya kuthi ke uNdikhoyo uThixo wenu akuwandisa umhlaba wenu ngokwesithembiso sakhe, nixhele nitye inyama nanini na nifuna.