Deuteronomy 12:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa ikude kuwe londawo uyehova, utixo wako, ayinyulileyo ukuba alibeke igama lake kona, uya kwandula ubinge kwinkomo zako, nakwigusha zako, ozipiweyo nguyehova, njengokuba ndikuyalele; wauya kutya pakati kwamasango ako ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ithe yamgama kuwe indawo leyo, aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, ukuba alimise kuyo igama lakhe: woxhela ezinkomeni zakho, nasempahleni yakho emfutshane, akunikileyo uYehova, njengoko ndakuwisela umthetho ngako, udle emasangweni akho ngokunqwena konke komphefumlo wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ithe yakude kuwe indawo leyo, athe uYehova uThixo wakho wayinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe, woxhela iinkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, akunikileyo uYehova, njengoko ndakuwiselayo umthetho, udle emasangweni akho onke into oyinqwenelayo umphefumlo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba indawo leyo yonqulo ikude, ningaxhela kwimfuyo yenu, nityele apho emakhaya ngokuthanda kwenu ngokomyalelo kaNdikhoyo njengoko ndanichazelayo.