Deuteronomy 12:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lumka uwapulapule onke lamazwi endikuyalelayo, ukuze kulunge kuwe, nakubantwana bako emva kwako, kude kube ngunapakade, nxa uya kukwenza okulungileyo nokufaneleyo emehlweni kayehova, utixo wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Gcina uwaphulaphule la mazwi onke, ndikuwisela umthetho ngawo, ukuze kulunge kuwe nakoonyana bakho emva kwakho, kude kuse ephakadeni, xa uthe wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yivani nize niwaphulaphule la mazwi onke ndiniyalela wona, ukuze kulunge kuwe nakoonyana bakho emva kwakho ukusa kwixesha elingenammiselo, ukuba uthe wenza okulungileyo nokufanelekileyo emehlweni kaYehova uThixo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nyamekani niyithobele le miyalelo ndininika yona, ukuze nilungelwe ndawonye nezizukulwana zenu, nanini nanini, kuba kaloku noba nisenza yonke into ngokusesikweni nangendlela emkholisayo uNdikhoyo uThixo wenu.”