Deuteronomy 12:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa uyehova, utixo wako, aya kucita intlanga, apo uya kona ukufuya okwazo, pambi kwako; ude ukufuye esikundleni sazo, uhlale nokuhlala elizweni lazo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla phambi kwakho iintlanga, apho uya kuzigqogqa khona, wazigqogqa ke, wahlala ezweni lazo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba uYehova uThixo wakho wazitshabalalisa phambi kwakho iintlanga, lowo ungena kuzo ukuba uzihluthe, ke wena wazilandela, wahlala ezweni lazo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Niyabona ke, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzitshabalalisa ezi zizwe xa ningenayo emhlabeni wazo, ke nina ningene nime kuwo.