Deuteronomy 12:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kwenje njalo kuyehova, utixo wako: ngokuba konke okuyintshontsho kuyehova, oko akutiyayo, zikwenzele otixo bazo; ngokuba kwa nonyana bazo nentombi zazo zibatshisile emlilweni kotixo bazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze ungenjenjalo kuYehova uThixo wakho; kuba yonke into elisikizi kuYehova, ayithiyileyo, ziyenzile koothixo bazo;ngokuba kwanoonyana bazo neentombi zazo zizitshise emlilweni koothixo bazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze ungenjenjalo kuYehova uThixo wakho; ngokuba ziyenzile koothixo bazo zonke izinto ezingamasikizi kuYehova, awazithiyileyo; ngenxa yokuba kwanoonyana bazo neentombi zabo babebatshisa oothixo bazo ngomlilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uThixo wenu ze ningamnquli ngeendlela ezibanqula ngayo oothixo bazo, kuba kaloku zona zinqula ngeendlela ezimanyumnyezi azicaphukelayo uNdikhoyo. Kaloku zona zide zitshise abantwana bazo emlilweni, zisenzela izithixo zazo amadini.