Deuteronomy 12:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kwindawo aya kunyula yona uyehova, utixo wenu, kuzo zonke izizwe zenu, ukuba abeke igama lake kona, kwintlalo yake niya kufuna, niye kwa lapo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu ezizweni zenu zonke, ukuba alimise khona igama lakhe, ukuba ahlale khona, ize niquqele khona, niye khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa endaweni aya kuyinyula uYehova uThixo wenu ezizukulwaneni zenu zonke, ukuba alimise kuyo igama lakhe, kuleyo ndawo ahlala kuyo, eniya kuyimisela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kumhlaba wenu uphela uNdikhoyo uya kukhetha indawo ibe nye qha apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona, zize zithi ke zonke izindlu zenu zibuzise kuye khona.