Deuteronomy 13:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kumgibisela ngamatye, ade afe: ngokuba ebefuna ukukukukulisa kuyehova, utixo wako, okukupileyo ezweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
umxulube ngamatye afe; ngokuba efune ukukuwexula kuYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makaxulutywe ngamatye, afe; ngokuba wazama ukukugxotha uYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, wakungenisa endlwini yobukhoboka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, mgibisele ngamatye umbulale, kuba ebezama ukukuqweqwedisa, khon' ukuze umlahle uNdikhoyo uThixo wakho owakukhulula ulikhoboka eJiputa.