Deuteronomy 13:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nalo lonke ixoba laso wolibutela pakati kwesitarate saso, ugqibele ukutshisa ngomlilo esosixeko nalo lonke ixoba laso, kuyehova, utixo wako: sasiya kuba yimfumba kude kube ngunapakade; asiyi kubuya sakiwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wowabuthela onke amaxhoba awo esazulwini sendawo yawo yembutho, uwutshise ngomlilo loo mzi namaxhoba awo onke, ube lidini elipheleleyo kuYehova uThixo wakho, ube ngumwewe ongunaphakade, ungabi sakhiwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hlanganisela onke amaxhoba aso esazulwini sendawo yaso, usitshise ngomlilo umzi namaxhoba aso onke, kuYehova uThixo wakho; kwaye kuya kubakho ithemba ngonaphakade; ayinakubuyiselwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ziqokeleleni zonke izinto ezizezâbo bantu, nizifumbe ebaleni lembutho. Watshiseni onke loo maxhoba ndawonye nesixeko eso, nenzele uNdikhoyo uThixo wenu umnikelo otshiswayo. Mayisale ilinxuwa nanini nanini, ingaze iphinde yakhiwe.