Deuteronomy 13:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo akuyi kunamatela nto esandleni sako koko kulahlelweyo ekutshatyalalisweni: ukuze aguquke uyehova ebushushwini bengqumbo yake, akwenzele izibele, akupate ngenceba, akwandise, njengokuba efungele oyihlo bako;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Esandleni sakho makunganamatheli nento le kwezi zinto zisingelwe phantsi; ukuze abuye uYehova ekuvutheni komsindo wakhe, abe nemfesane kuwe, asikwe yimfesane ngawe, akwandise, njengoko wabafungelayo ooyihlo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makungafaki nto yesiqalekiso esandleni sakho, ukuze abuye uYehova ekuvutheni komsindo wakhe, abe nenceba kuwe, abe nenceba kuwe, akwandise, njengoko wafungayo kooyihlo ngesifungo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ningabokuzishiyela nento le kwebezimiselwe ukutshatyalaliswa. Ukuba niyenzile ke loo nto uNdikhoyo uya kwetha emsindweni wakhe, abe novelwano ngani. Ngenene wosikwa yinceba, anandise ngokwesithembiso sesifungo sakhe kooyihlo-mkhulu