Deuteronomy 13:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
akuyi kupulapula kuwo amazwi alomprofite, umhlaumbi kuye lompupi wamapupa: ngokuba uyehova, utixo wenu, enilinga, ukuze azi ukuba niyamtanda uyehova, utixo wenu, ngayo yonke intliziyo yenu, nangawo wonke umpefumlo wenu, kusinina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha; ngokuba kusukuba enilinga uYehova uThixo wenu, ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukuwaphulaphula amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha, kuba uYehova uThixo wenu unilinga ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke nangomphefumlo wenu wonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ze ningawathatheli ngqalelo amazwi aloo mshumayeli okanye loo mphuphi. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanivavanya, khon' ukuze aqonde ukuba nimthanda ngengondo iphela nangomoya uphela na.