Deuteronomy 13:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti lomprofite, umhlaumbi lompupi wamapupa, uya kufiswa: ngokuba etetile impambuko ngakuye uyehova, utixo wenu, obenikupa ezweni le‐Jipete, wanikulula endlwini yobukoboka; ukuze akukukulise endleleni akuyaleleyo uyehova, utixo wako, ukuba uhambe kuyo. Kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke loo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha makabulawe; kuba ethethe elokutyeka kuYehova uThixo wenu, owanikhuphayo ezweni laseYiputa, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka;ukuba akuwexule endleleni, akuwisele umthetho ngayo uYehova uThixo wakho ukuba uhambe ngayo. Uze ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke loo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha makabulawe; ngenxa yokuba wayethe makakulahlekise uYehova uThixo wakho owakukhuphayo ezweni laseYiputa aze akukhulule endlwini yobukhoboka ukuze akulahlekise endleleni awakuyalela ukuba uhambe ngayo uYehova uThixo wakho kwi bususeni ke ububi phakathi kwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabani na ongumshumayeli okanye umphuphi oniqhubela ekuvukeleni uNdikhoyo uThixo wenu mbulaleni. Kaloku uNdikhoyo lo ngulo wanikhupha eJiputa apho naningamakhoboka khona. Umntu onjalo uzama ukunilukuhla, khon' ukuze niphulukane nehambo eniyalelwe yona nguNdikhoyo uThixo wenu. Ubugwenxa mabususwe mpela phakathi kwenu.