Deuteronomy 13:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa umninawe wako, unyana wonyoko, umhlaumbi unyana wako, umhlaumbi intombi yako, umhlaumbi umfazi wesifuba sako, umhlaumbi umhlobo wako, onjengowako umpefumlo, aya kukuhenda ngasese, esiti: Masiye sikonze otixo bambi, abo ungabazanga, wena noyihlo bako;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe umzalwana wakho, umntakanyoko, nonyana wakho, nentombi yakho, nomfazi wesifuba sakho, nommelwane wakho onjengomphefumlo wakho kuwe, wakuhenda ngasese, esithi, Masiye kukhonza thixo bambi ongabazanga, wena nooyihlo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe umzalwana wakho, nokuba ngunyana kanyoko, nonyana wakho, nentombi yakho, nomfazi wesifuba sakho, nommelwane wakho, onjengomphefumlo wakho, lowo wakungcatshayo ngasese, wathi, Masikhonze thixo bambi; osinikileyo akwaziwa wena noyihlo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nkqu nomntakwenu, noba ngunyana okanye intombi, mhlawumbi umfazi wakho omthandayo, noba sisihlobo sakho esisenyongweni, singakulukuhla sikukhuthaze ngasese ngelithi: ‘Masiye kunqula thixo bambi’ – thixo abo ongabaziyo nabangazange banqulwe nangooyihlo-mkhulu,