Deuteronomy 14:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NINA nilusapo lukayehova, utixo wenu: aniyi kuziqapula, aniyi kwenza ubunqai pakati kwamehlo enu kanjako, ngenxa yofileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ningoonyana kuYehova uThixo wenu; ize ningazicenti, ningenzi mpandla phezu kwamehlo enu ngenxa yomfi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaYehova uThixo wenu; musani ukuzenza mnyama, ningenzi mpandla phakathi kwamehlo akho ngenxa yofileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nina ningabantwana *bakaNdikhoyo uThixo wenu, ngoko ke ze ningaziqaphuli okanye nibe nendawo eniyichebayo entloko xa nizilela abangasekhoyo, njengoko zisenza ezinye iintlanga.