Deuteronomy 14:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ningabantu abangcwele nina kuyehova, utixo wenu; kanjalo nina uniqashile uyehova, utixo wenu, ukuba nibe ngabantu abanqabileyo kuye, ngapezu kwabo bonke abantu abasebusweni bomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba niluhlanga olungcwele kuYehova uThixo wenu, yaye uYehova uninyule ukuba nibe luhlanga lwakhe olukhethekileyo phakathi kweentlanga zonke zomhlaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo ncakasana; kuzo zonke izizwe zehlabathi nina waninyula ukuba nibe libango lakhe.”