Deuteronomy 14:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aniyi kudla nasinye isidumbu: uya kusinika kowasemzini opakati kwamasango ako, ukuba asidle yena; umhlaumbi ungatengisa ngaso kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele nina kuyehova, utixo wenu. Musa ukupeka itakane lebokwe elubisini lwonina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungamnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungathengisa ngayo kowolunye uhlanga;ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukuyidla into ezifeleyo ngokwayo; mnike owasemzini emnyango, adle; okanye ungathengisa ngayo kowolunye uhlanga, ngokuba usisizwana esingcwele kuYehova uThixo wakho. Usenokungaliboni itakane ebisini lukanina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Isilwanyana esifileyo asityiwa. Kambe ke zona iintlanga eziphakathi kwenu zingasitya, okanye ningasithengisa nakubahambi. Ke nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu – abantu bakhe ncakasana. “Ningaze nipheke itakane ngobisi lukanina.”