Deuteronomy 14:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kutya pambi kwoyehova, utixo wako, endaweni aya kuyinyula ukuba alimise igama lake kona, isishumi senqolowa yako, eseveyine yako, neseoli yako, namazibulo enkomo zako nawegusha zako; ukuze ufunde ukwoyika uyehova, utixo wako, imihla yonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze udle isahlulo seshumi sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, nesamazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane, phambi koYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho ngamaxesha onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wosithatha isishumi eso, uye naso kulaa ndawo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho ukuze lizinze khona igama lakhe, usityele khona phambi kwakhe – noba yingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, okanye amazibulo enkomo noba ngawegusha. Le nto ke noyenza khon' ukuze nifunde ukuhlala nimhlonela uNdikhoyo uThixo wenu.