Deuteronomy 14:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni indlela inde kuwe, ukuba ukohliwe kukusitwala, ngokuba ikude nawe indawo aya kuyinyula uyehova, utixo wako, ukuba alibeke igama lake kona; nxa akutamsanqeleyo uyehova, utixo wako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa indlela ithe yande kuwe, naxa uthe wakhohlwa ukusisa sona, ngokuba ikude kuwe indawo leyo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulimisa kuyo igama lakhe, naxa athe wakusikelela uYehova uThixo wakho:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba inde indlela kuni, aninako ukuhamba ngayo; indawo ekude kuwe, aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, ukuba alimise kuyo igama lakhe, ekusikeleleni kwakho uYehova uThixo wakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kunokwenzeka ukuba ithi kanti indawo leyo yonqulo ikude gqitha kumakhaya enu, ukuba nibe nako ukuthwala imveliso leyo anithamsanqele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu, niye nayo kuyo, ze nenjenje: