Deuteronomy 14:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uze unike imali leyo ngenxa yako konke ukukanukayo umpefumlo wako, ngenxa yenkomo, nangenxa yegusha, nangenxa yeveyine, nangenxa yoselo olunamandla, nangenxa yako konke umpefumlo wako ukubiza kuwe; wauya kutya apo pambi kwoyehova, utixo wako, uvuye nokuvuya, wena nendlu yako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uyanane imali ngeento zonke osukuba uzinqwenela umphefumlo wakho, ngeenkomo, nangempahla emfutshane, nangewayini, nangesiselo esinamandla, nangeento zonke ozibizayo umphefumlo wakho; udle khona phambi koYehova uThixo wakho, uvuye wena nendlu yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze unike imali ngayo nantoni na oyinqwenelayo umphefumlo wakho, inkomo okanye imfuyo okanye iwayini okanye isiselo esinxilisayo okanye ngayo nantoni na oyinqwenelayo umphefumlo wakho; udle khona phambi koYehova uThixo wakho, uvuye, wena nendlu yakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze nifike nithenge ngayo nokuba yintoni na – ingayinkomo, igusha, iwayini, noba yenye into eselwayo, nantoni na eniyinqwenelayo. Nothi ke apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nihlale kunye neentsapho zenu, nixhamle ezo zidlo nonwabile.