Deuteronomy 14:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba makuze um‐Levi, (ngokuba kungeko kuye isabelwa nelifa kunye nawe,) nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, abapakati kwamasango ako, badle bahlute nokuhluta; ukuze uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuwo wonke umsebenzi wesandla sako owenzayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
eze umLevi, ngokuba engenasabelo nalifa ndawonye nawe, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho, badle bahluthe; ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho owusebenzayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beze ke umLevi (ngokuba akanasabelo, nokuba lilifa elivela kuni), neenkedama nomhlolokazi osemasangweni akho, badle bahluthe; ukuba akusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wezandla zakho owenzayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esi yoba sisabelo sabaLevi njengoko bengenamhlaba bona, ndawonye nabangeneleli, iinkedama, nabahlolokazi abahlala phakathi kwenu. Kofuneka beze bathathe batye banele. Le nto ke yenzeni khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wenu anithamsanqele kuyo yonke into eniyenzayo.”