Deuteronomy 14:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ezi noko aniyi kuzidla kwezo zityisayo, nakwezo zilwahlulayo upupu olucandekileyo: inkamela, nomvundla, nembila; ngokuba ezi zihlafuna umtyiso, kodwa upupu azilwahluli; zinco̔lile zona kuni:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, nembila, nomvundla;ngokuba zetyisa umtyiso, ke aziluthe gqiphu uphuphu, ziziinqambi ke kuni;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uze ungawudli kwababethayo, nakweziziqhekeze izikhonkwane; njengenkamela, umvundla, nenkamela; ngokuba bayabetha, kodwa abazahluleli izikhonkwane; ngenxa yoko baziinqambi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isilwanyana emasityiwe sesineempuphu ezicandiweyo, esetyisayo. Yona inkamela, umvundla, nembila, azityiwa. Zona azihlambulukanga, kuba ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandwanga.