Deuteronomy 15:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kumnika ngenyaniso, iti intliziyo yako ingabi nabuhlungu wakumnika: ngokuba ngenxa yalendawo uyehova, utixo wako, eya kukutamsanqela kuyo yonke imisebenzi yako, nakuko konke usolulela kona isandla sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze umnike, ingabi mbi intliziyo yakho ekumnikeni kwakho;ngokuba ngenxa yale ndawo wokusikelela uYehova uThixo wakho emsebenzini wakho wonke, nasezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mnike, ingabi mbi intliziyo yakho, xa uthe wamnika; ngokuba uYehova uThixo wakho wokusikelela ngenxa yale nto kuyo yonke imisebenzi yakho, nakweyonke into oya kuyibamba ngesandla sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yiba nezinwe, umphe ungakrokri; ke yena uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuyo yonke into oyenzayo.