Deuteronomy 15:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kuba nzima emehlweni ako, wakumndulula ekululekile kuwe; ngokuba ngento elingana nokupindwa kwomvuzo womqeshwa ekukonzile iminyaka emitandatu: waeya kuti uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuko konke ukwenzayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makunganqabi emehlweni akho ukumndulula kwakho ekhululekile kuwe; ngokuba kuwe unjengomqeshwa okuqeshwa kubini, ekukhonze iminyaka emithandathu nje: wokusikelela uYehova uThixo wakho ezintweni zonke ozenzayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuyi kuba nzima kuwe ukuba umndulule ahambe nawe ngokukhululekileyo; Kuba ubefanelwe ngumvuzo weentsuku ezimbini, ukuba akhonze iminyaka emithandathu; yaye uYehova uThixo wakho uya kukusikelela kuko konke okwenzayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze ungakhathazeki xa kufuneka ukhulule ikhoboka lakho; kaloku lona likusebenzele iminyaka emithandathu ngesiqingatha sexabiso obuya kulihlawula xa ubuliqeshile. Ukuba wenza ngale ndlela ke uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuko konke okwenzayo.”