Deuteronomy 15:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiyo le indawo yokuyeka: Osukuba engumboleki, obolekayo ummelwane wake into, makayiyeke; akayi kuyibanga kummelwane wake nakumzalwana wake, ngokuba kubizwa ngokuti kukuyeka ngenxa yoyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nali ke isiko loyekelelo: Bonke ababoleki ababoleke ngesandla sabo, mabayiyekelele into abayiboleke ummelwane wabo, bangammemi ummelwane wabo ongumzalwana wabo; ngokuba kumenyezwe uyekelelo lukaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nantsi indlela yokukhululwa: Wonke umntu oboleka ummelwane wakhe uya kumkhulula; makangayifuni entsatsheni yakhe, nokuba kumzalwana wakhe; ngokuba kubizwa ngokuba lusindiso lukaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nto ke noyenza ngolu hlobo: Nabani na obeboleke uwabo ulutho kufuneka alicime elo tyala, angabi sayithatha loo nto, kuba lithuba lokucinywa kwamatyala elimiselwe *nguNdikhoyo.