Deuteronomy 15:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kungenjalo kupela, nxa kungayi kubako kuwe olihlwempu; ngokuba uyehova eya kukolisa ukukutamsanqela elizweni, ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa, ukuba ulifuye:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke ze kungabikho hlwempu kuwe; ngokuba uYehova wokusikelela kakhulu ezweni elo, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, ulime;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngathi akukho hlwempu kuni; ngokuba uYehova wokusikelela kakhulu ezweni elo, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, ulihluthe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela kwelo lizwe aninika lona, kangangokuba kungabikho namnye umntu olihlwempu,