Deuteronomy 15:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni kuya kubako kuwe olihlwempu, owakubo abazalwana bako, pakati kwamanye amasango ako, elizweni lako ulipiwayo nguyehova, utixo wako, akuyi kuyenza lukuni intliziyo yako, akuyi kufumbata isandla sako kanjalo, kumzalwana wako olihlwempu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa kuthe kwakho ihlwempu kuwe ebazalwaneni bakho, nokuba kukuliphi kumasango akho, ezweni lakho akunikayo uYehova, uThixo wakho, uze ungayenzi ingqoshomba intliziyo yakho, usivale isandla sakho kumzalwana wakho olihlwempu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa kuthe kwakho ihlwempu kubazalwana bakho kwelinye lamasango akho, ezweni lakho akunikayo uYehova uThixo wakho, musa ukuyenza lukhuni intliziyo yakho, ungasivaleli isandla sakho kumzalwana wakho olihlwempu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu, ukuba kuthe kwakho umwenu dolophini ithile osweleyo, uze ungavimbi usifinyeze isandla sakho, wale ukumnceda.