Deuteronomy 16:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kuzidalela abagwebi namagosa pakati kwawo onke amasango ako, lawo uya kupiwa nguyehova utixo wako, ngezizwe zako; abaya kugweba abantu ngogwebo lwobulungisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wozimisela abagwebi nababhali emasangweni akho onke akunikayo uYehova uThixo wakho, ngokwezizwe zakho, bagwebe abantu ngogwebo olulungileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zimisele abagwebi nabagcini emasangweni akho onke akunikayo uYehova uThixo wakho, ngokwezizukulwana zakho; yaye baya kugweba abantu ngomgwebo wobulungisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kufuneka isizwe ngasinye simiselwe abalamli namanye amagosa kuzo zonke iidolophu zelo lizwe ulinikwa nguNdikhoyo uThixo wakho. La madoda ke kufuneka alawule abantu angakhethi buso.