Deuteronomy 16:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kutyekisa ugwebo; akuyi kubuka ubuso; nebaso akuyi kulamkela; ngokuba ibaso limfamekisa amehlo abalumkileyo, lijikise amazwi abalungileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze ungasijiki isigwebo, ungakhethi buso, ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi simfamekisa amehlo ezilumko, siphenule iindawo zamalungisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musa ukulonakalisa isiko; aniyi kuhoya mntu, ningamkeli sicengo; ngokuba isipho simfamekisa amehlo ezilumko, siphenula intetho yamalungisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kufuneka angabugqwethi ubulungisa, angabi nagobe xa esenza izigqibo, angazamkeli izicengo, kuba izipho ezihamba nezicengo zimfamekisa namehlo ezilumko, ngokunjalo namadoda anyanisekileyo atsho enze izigqibo ezingafanelekanga.