Deuteronomy 16:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kudla kunye nayo okubiliswayo; zintsuku zisixe̔nxe uya kudla kunye nayo izonka ezingenagwele, isonka sobunzima; (ngokuba ubupuma elizweni le‐Jipete ngobunxamo;) ukuze uwukumbule umhla wokupuma kwako elizweni le‐Jipete, yonke imihla yokudla kwako ubomi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze ungadli nto inegwele kunye nayo; imihla yoba sixhenxe usidla izonka ezingenagwele kunye nayo, isonka seentsizi, ngokuba waphuma buphuthuphuthu ezweni laseYiputa; ukuze uwukhumbule umhla wokuphuma kwakho ezweni laseYiputa yonke imihla yokudla kwakho ubomi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze ungasidli isonka esinegwele kunye nayo; iintsuku ezisixhenxe wodla izonka ezingenagwele kunye nayo, isonka sokubandezeleka; kuba waphuma ngokukhawuleza ezweni laseYiputa, ukuze uyikhumbule yonke imihla yobomi bakho ngomhla wokuphuma kwakho ezweni laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kweli theko ke isonka uzusitye singanyuswanga. Iintsuku ezisixhenxe ke uzusebenzise isonka esinganyuswanga, kwanjengokuba wênzayo ukumka kwakho eJiputa buphuthu-phuthu. Yitya eso sonka ke – sona kothiwa sisonka seenzingo – khon' ukuze ungaze uyilibale nanini na imini owaphuma ngayo eJiputa.