Deuteronomy 17:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako lowamntu oya kwenza nger̔atshi, ngokungapulapuli kumperisite omiyo ukukonza kona uyehova, utixo wako, umhlaumbi kumgwebi, kwa umntu lowo uya kufa: wauya kukwelelisa inkohlakalo kwa‐Sirayeli;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Indoda leyo ethe yenza ngokukhukhumala, ingamphulaphuli umbingeleli omiyo, olungiselela khona kuYehova uThixo wakho, nomgwebi lowo: mayife loo ndoda; ubutshayele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nabani na ofuna ukuzibeka kwindawo yokuqala aze angamphulaphuli umbingeleli omi apho ukuze akhonze uYehova uThixo wakho okanye umgwebi wakho, loo mntu uya kufa; yaye bususe ububi kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabani na ongamthobeliyo umlamli okanye umbingeleli omisiweyo makabulawe, ukuze ngaloo ndlela buncothulwe ububi kwaSirayeli.