Deuteronomy 17:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni uya kufika kwelozwe ulipiwayo nguyehova, utixo wako, ude ulifuye, uhlale nokuhlala kulo, uze uti: Ndiya kumisa ukumkani pezu kwam, njengazo zonke intlanga ezindingqongayo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa uthe wafika kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, walihlutha, wema kulo, wathi, Ndiyakuzimisela ukumkani njengeentlanga zonke ezindijikelezileyo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uthe wafika kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo wakho, ulihluthe, uhlale kulo, uthi, Ndiya kuzenza ukumkani, njengeentlanga zonke ezingeenxa zonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wakuba ungenile wada wazinza kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uya kuthi: ‘Nathi masibe nokumkani kwanjengezinye izizwe ezisingqongileyo.’