Deuteronomy 17:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uya kuqinisa ukummisa pezu kwako abe ngukumkani, lowo aya kunyula yena uyehova, utixo wako; owapakati kwabazalwana bako uya kummisa pezu kwako abe ngukumkani; akungebe nako ukubeka pezu kwako umntu wolunye uhlanga, lowo ungenguye umzalwana wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wozimisela ukumkani aya kumnyula uYehova uThixo wakho, uzimisele ukumkani wakubazalwana bakho. Akungekhe uzimisele ndoda yolunye uhlanga, engengumzalwana wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zinyuleleni abe ngukumkani wenu, entweni yonke aya kuyinyula uYehova uThixo wenu; nimenze ukumkani kubazalwana benu; uze ungakhethi mntu wasemzini ongengomzalwana wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Qinisekisa ke ukuba loo ndoda uyikhethela ukuba ibe ngukumkani yileyo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho. Umntu omawumkhethe ngumntwan' othuthu, ingabi yintlanga.