Deuteronomy 17:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
esiya kuba naye, waeya kulesesha kuso yonke imihla yokudla kwake ubomi; ukuze afunde ukwoyika uyehova, utixo wake, agcine onke amazwi alomteto, nezimiselo ezi, azenze;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yoba ngakuye alese kuyo imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakho, nokuwagcina onke amazwi alo myalelo nale mimiselo, ukuba awenze;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yoba ngakuye, ayifunde yonke imihla yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakhe nokuwagcina onke amazwi alo mthetho nale mithetho imiselweyo ukuba ayiphumeze;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le ncwadi ke aze angahlukani nayo. Kubo bonke ubomi bakhe makahlale eyifunda, khon' ukuze afunde ukumhlonela uNdikhoyo uThixo wakhe, awathobele amazwi alo mthetho, ayenze imimiselo yawo.