Deuteronomy 17:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba ingapakami intliziyo yake pezu kwabazalwana bake, nokuba angapambuki kuwo umyalelo, nangasekunene nangasekohlo: ukuze ayolule imihla ebukumkanini bake, yena nonyana bake, pakati kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe, angatyeki emthethweni, aye ekunene nasekhohlo; ukuze ayolule imihla ebukumkanini bakhe, yena noonyana bakhe phakathi kwamaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe nokuze angatyeki emyalelweni, aye ekunene okanye aye ekhohlo, ukuze ayolule imihla yakhe ebukumkanini bakhe, yena noonyana bakhe, phakathi koSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nto ke iya kumnceda, khon' ukuze angazenzi bhetele kunamawabo, angayityesheli nakancinane imiyalelo kaNdikhoyo. Ngaloo ndlela ke uya kulawula iminyaka emininzi, ngokunjalo nenzala yakhe iya kulawula kwaSirayeli izizukulwana ngezizukulwana.”