Deuteronomy 17:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni kuko into ekugwebeni ekunqabeleyo, pakati kwegazi negazi, pakati kwetyala netyala, pakati kwesibeto nesibeto, izinto zempikisano emasangweni ako; uya kwandula ukusuka unyukele endaweni, aya kunyula yona uyehova, utixo wako;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ithe yakunqabela indawo ekugwebeni phakathi kwegazi negazi, phakathi kwetyala netyala, phakathi kobetho nobetho, iziindawo ekubanjwene ngazo emasangweni akho: wosuka unyuke uye kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa kuthe kwavela ityala kuni elikhulu enkundleni ngenxa yenu, phakathi kwegazi negazi, phakathi komthandazo nomthandazo, naphakathi kwesijeziso nesigwebo, ngokuba ngumcimbi lowo emasangweni enu; ninduluke ninyuke niye kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa abalamli besoyiswa ngamatyala athile, nokuba ngawokwenzakalisa, ngaweembambano, okanye awokuhlasela, makaziswe kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho.