Deuteronomy 18:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengako konke wakucelayo kuyehova, utixo wako, e‐Horebe, ngomhla wentlanganisano, usiti: Mandingapindi ukuva ilizwi likayehova, utixo wam; nalomlilo omkulu mandingabuyi ndiwubone, ukuba ndingafi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
njengako konke owakucelayo kuYehova uThixo wakho, eHorebhe ngomhla wesikhungu, usithi, Mandingaphindi ndilive ilizwi likaYehova uThixo wam, nalo mlilo mkhulu mandingabi sawubona, ukuze ndingafi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengako konke enakubuzayo ngomhla wendibano kaYehova uThixo wakho eHorebhe, ‘Andisayi kuphinda ndilive ilizwi likaYehova uThixo wam, yaye andiyi kuphinda ndiwubone lo mlilo mkhulu niya kuwenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kaloku mhla nanihlangene kwintaba iHorebhe nandibongoza nisithi: ‘Asisakulangazeleli ukuba uNdikhoyo uThixo wethu athethe nathi yena siqu, asisathandi ukubona umlilo odiza ubukho bakhe, kuba soyika ukuthi mhlawumbi sife.’