Deuteronomy 18:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okuya aya kuteta lomprofite egameni likayehova, landule lingabiko ilizwi, lingezi nokuza, lelo ilizwi uyehova angalitetanga; wateta lona nger̔atshi umprofite lowo: aniyi kwoyika ngenxa yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ilizwi, athe walithetha umprofeti egameni likaYehova, alabakho, alehla: lelo ilizwi angalithethanga uYehova. Uthethe ngokukhukhumala umprofeti lowo; uze unganxunguphaliswa nguye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umprofeti uthe wathetha egameni likaYehova, alabakho loo nto, ayenzeka, lilizwi angalithethanga uYehova, kodwa umprofeti wathetha ngekratshi; musani ukumoyika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba umshumayeli uthetha egameni likaNdikhoyo ize ingenzeki loo nto ayithethileyo, nomqonda ukuba udaba lwakhe aluphumi kuNdikhoyo, koko uyazithethela nje; ngoko ke sanukuziduba ngaye.”